Bethusile – Itaru Lakho (Lyrics).

NDINGUMOONI phambi kwakho,
Ndinetyala, Thixo wam!
Ndalidela izwi laKho
Futhi entliz’yweni yam.
Ndaala imithetho yaKho,
Ngabo ubugeza bam.

Kodwa ngoku ndiza kuWe,
Bona iinyembezi zam;
Ndiza ndibiziwe nguWe,
Yiva ukulila kwam.
Bawo, ndinxhamele kuWe.
Yiba ungumNcedi wam.

Ndizixela phambi kwaKho
Zonk’ iinkohlakalo zam,
Ndiwe eenyaweni zaKho
Ekuthandazeni kwam.
Ndilifun’ itaru lakho
Taru! Taru! NKosi yam! Amen.